Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 2:16-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Kuya kuba njalo mhlenikweni uThixo aya kuzigweba izinto ezifihlakeleyo zabantu, ngokweendaba zam ezilungileyo ngoYesu Kristu.

17. Ùyabona, wena unegama lokuba ungumYuda, wayame ngomthetho; uqhayisa ngoThixo;

18. ùyakwazi ukuthanda kwakhe; uzicikida izinto ezahlukeneyo, uwutyelwe umthetho;

19. kananjalo wena ukholose ngokuthi ungumkhokeli weemfama, ulukhanyiselo lwabo basebumnyameni,

20. umluleki wabaswele ukuqonda, umfundisi weentsana, onesimilo sokwazi nesenyaniso emthethweni.

21. Ndithi, wena ke umfundisayo omnye, akuzifundisi? Wena ke uvakalisa ukuthi, makungebiwa, uyeba?

22. Wena ke uthi, makungakrexezwa, uyakrexeza? Wena ke ukruqukileyo zizithixo, uphanga iitempile?

23. Wena ke uqhayisa ngomthetho, uyamhlazisa uThixo ngokugqitha umthetho?

24. Kuba igama likaThixo linyeliswa ngenxa yenu phakathi kwazo iintlanga, njengoko kubhaliweyo.

25. Kuba ulwaluko luyanceda okunene, ukuba ùyawenza umthetho; kodwa ukuba ungumgqithi womthetho, ulwaluko lwakho lusuke lwaba kukungaluki.

26. Ngoko ke, ukuba ongalukileyo uthi azigcine izimiselo zomthetho, àkuyi kuthi na ukungaluki kwakhe kubalelwe ekuthini kukwaluka?

27. Kuthi ukungaluki, oko kwasemvelweni, ngokuwuzalisa umthetho, kukugwebe wena ungumgqithi-mthetho, noko unesibhalo nolwaluko?

28. Kuba umYuda asingulowo unguye ngokwangaphandle, nolwaluko asilulo olo lwangaphandle enyameni;

29. umYuda ngulowo wasemfihlekweni, nolwaluko lolwentliziyo ngomoya, kungengantetho: yena ùkudunyiswa kwakhe kungaphumi bantwini, kuphuma kuThixo.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 2