Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 2:11-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Kuba kuThixo akukho kukhetha buso.

12. Kuba bonke abonileyo bengenamthetho, baya kutshabalala ngokunjalo bengenamthetho; nabo bonke abonileyo benomthetho, baya kugwetywa ngomthetho;

13. kuba àsingabanela ukuba ngabaphulaphuli bawo umthetho, ábangamalungisa kuThixo; ngabenzi bawo umthetho abaya kugwetyelwa.

14. Kuba xa abeentlanga bathi, bengenamthetho, benze ngemvelo okomthetho, abo, bengenamthetho nje, bangumthetho kubo ngokwabo:

15. bona bawubonakalalisayo umsebenzi womthetho, ubhalwe ezintliziyweni zabo, sibe isazela sabo singqinelana nawo, zibe izicamango zabo zimangalelana, ziphathe kuziphendulela.

16. Kuya kuba njalo mhlenikweni uThixo aya kuzigweba izinto ezifihlakeleyo zabantu, ngokweendaba zam ezilungileyo ngoYesu Kristu.

17. Ùyabona, wena unegama lokuba ungumYuda, wayame ngomthetho; uqhayisa ngoThixo;

18. ùyakwazi ukuthanda kwakhe; uzicikida izinto ezahlukeneyo, uwutyelwe umthetho;

19. kananjalo wena ukholose ngokuthi ungumkhokeli weemfama, ulukhanyiselo lwabo basebumnyameni,

20. umluleki wabaswele ukuqonda, umfundisi weentsana, onesimilo sokwazi nesenyaniso emthethweni.

21. Ndithi, wena ke umfundisayo omnye, akuzifundisi? Wena ke uvakalisa ukuthi, makungebiwa, uyeba?

22. Wena ke uthi, makungakrexezwa, uyakrexeza? Wena ke ukruqukileyo zizithixo, uphanga iitempile?

23. Wena ke uqhayisa ngomthetho, uyamhlazisa uThixo ngokugqitha umthetho?

24. Kuba igama likaThixo linyeliswa ngenxa yenu phakathi kwazo iintlanga, njengoko kubhaliweyo.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 2