Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 2:1-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kungoko ndithi, Akunakuziphendulela, mntundini ugwebayo, nokuba ùngubani; kuba ngokugweba omnye, uzigweba kwawena; kuba wena ugwebayo wenza kwaezo zinto.

2. Siyazi ke ukuba isigwebo sikaThixo siwa ngokwenyaniso phezu kwabo bazenzayo izinto ezinjalo.

3. Ùcinga na ke, mntundini ugweba abo bazenzayo izinto ezinjalo, ube usenza kwazona nawe, ukuthi, uya kusisaba na wena isigwebo sikaThixo?

4. Okanye ùyabudela na ubutyebi bobubele bakhe, nonyamezelo, nokuzeka kade umsindo; ungazi ukuba ububele bukaThixo bukusa enguqukweni?

5. Ke ùthi, ngokuba lukhuni kwakho, nentliziyo yakho engenanguquko, uziqwebele ingqumbo, ngemini yengqumbo nokutyhilwa komgwebo onobulungisa kaThixo;

6. oya kuvuza ulowo nalowo ngokwemisebenzi yakhe:

7. abo bathi ngokomonde emsebenzini olungileyo bafune uzuko nembeko nokungonakali, ábavuze ngobomi obungunaphakade;

8. ke kwabo beyelenqe, bangayithambeliyo inyaniso, basuke bathambele intswelabulungisa, kuya kubakho umsindo nengqumbo,

9. imbandezelo noxinaniso emphefumlweni wabantu bonke abasebenza okubi, kowomYuda ukuqala, kwanakowomGrike;

10. kubekho uzuko ke, nembeko, noxolo, kubantu bonke abasebenza okulungileyo, kumYuda ukuqala, kwanakumGrike.

11. Kuba kuThixo akukho kukhetha buso.

12. Kuba bonke abonileyo bengenamthetho, baya kutshabalala ngokunjalo bengenamthetho; nabo bonke abonileyo benomthetho, baya kugwetywa ngomthetho;

13. kuba àsingabanela ukuba ngabaphulaphuli bawo umthetho, ábangamalungisa kuThixo; ngabenzi bawo umthetho abaya kugwetyelwa.

14. Kuba xa abeentlanga bathi, bengenamthetho, benze ngemvelo okomthetho, abo, bengenamthetho nje, bangumthetho kubo ngokwabo:

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 2