Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 16:6-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Bulisani kuMariya, yena wabulalekayo kakhulu ngenxa yenu.

7. Bulisani kuAndroniko noYuniya, imizalwane yam nabathinjwa ndawonye nam, bona badumileyo phakathi kwabapostile,* kanjalo baba kuKristu ngaphambi kwam.

8. Bulisani kuAmpliya, intánda yam ngokwaseNkosini.

9. Bulisani ku-Urbhano, umncedisi wethu kuKristu, noStaki intánda yam.

10. Bulisani kuApele ocikidekileyo kuKristu. Bulisani kwabakwa-Aristobhulo.

11. Bulisani kuHerodiyo, umzalwane wam. Bulisani kwabakwaNarkiso abaseNkosini.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 16