Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 16:4-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. bona bathi, ngenxa yobomi bam, bazibeka emgoqweni ezabo iintamo, ekungabuleli mna ndedwa kubo, ekubulela nawo onke amabandla azo iintlanga.

5. Bulisani nakwibandla elisendlwini yabo. Bulisani kuPeneto intánda yam, oyintlahlela yelaseAkaya kuKristu.

6. Bulisani kuMariya, yena wabulalekayo kakhulu ngenxa yenu.

7. Bulisani kuAndroniko noYuniya, imizalwane yam nabathinjwa ndawonye nam, bona badumileyo phakathi kwabapostile,* kanjalo baba kuKristu ngaphambi kwam.

8. Bulisani kuAmpliya, intánda yam ngokwaseNkosini.

9. Bulisani ku-Urbhano, umncedisi wethu kuKristu, noStaki intánda yam.

10. Bulisani kuApele ocikidekileyo kuKristu. Bulisani kwabakwa-Aristobhulo.

11. Bulisani kuHerodiyo, umzalwane wam. Bulisani kwabakwaNarkiso abaseNkosini.

12. Bulisani kuTrifena noTrifosa, abo babulalekàyo emsebenzini weNkosi. Bulisani kuPersi, intánda, yena wabulalekayo kakhulu emsebenzini weNkosi.

13. Bulisani kuRufo onyuliweyo waseNkosini, nonina, uma.

14. Bulisani kuAsinkrito, kuFilego, kuHerme, kuPatrobha, kuHerma, nabazalwana abanabo.

15. Bulisani kuFilologo, noYuliya, kuNere, nodade wabo, no-Olimpa, nabo bonke abo bangcwele banabo.

16. Bulisanani ngolwango olungcwele. Ayanibulisa amabandla kaKristu.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 16