Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 16:15-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Bulisani kuFilologo, noYuliya, kuNere, nodade wabo, no-Olimpa, nabo bonke abo bangcwele banabo.

16. Bulisanani ngolwango olungcwele. Ayanibulisa amabandla kaKristu.

17. Ke kaloku ndiyaniyala, bazalwana, balumkeleni abo benza iimbambaniso nezikhubekiso, ezinxamnye nemfundiso enayifundayo nina, niphambuke kubo.

18. Kuba ábanjalo àbakhonzi yona iNkosi yethu uKristu, bakhonza esabo isisu; baze, ngamazwi anencasa nalalanisayo, balukuhle iintliziyo zabangazani nabubi.

19. Kuba ukululama kwenu kuye kwafika kubo bonke. Ndiyavuya ngoko ngani; ndinga ke ningaba ngabalumkileyo okunene kokulungileyo; kodwa nibe ngabangenabuqhinga kokubi.

20. UThixo ke woxolo uya kumtyumza uSathana kamsinya phantsi kweenyawo zenu.Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nani.

21. Bayanibulisa ooTimoti, osebenza nam, noLukiyo, noYason, noSosipatro, imizalwane yam.

22. Ndiyanibulisa ngokwaseNkosini, mna Tertiyo, uyibhalileyo le ncwadi.

23. Uyanibulisa uGayo, esilundwendwe lwakhe, mna nebandla liphela. Uyanibulisa uErasto, igosa lomzi, noKwarto umzalwana.

24. Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nani nonke. Amen.

25. Ke kaloku, kuye onako ukunizimasa ngokweendaba zam ezilungileyo, novakaliso lukaYesu Kristu, ngokokutyhilwa kwemfihlelo ebifihliwe kwasephakadeni,

26. ebonakalalisiweyo ke ngoku, eyaziswayo kanjalo ngezibhalo zabaprofeti ngokommiselo kaThixo ongunaphakade, ukuba kubekho ukulululamela ukholo, kuzo zonke iintlanga:

27. kuThixo olumke yedwa, ngaye uYesu Kristu, malubekho uzuko kude kube ngunaphakade. Amen.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 16