Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 15:18-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Kuba mna andiyi kuba nabuganga bakuthetha nto ngezinto angazisebenzanga uKristu ngam, ukuze zimlulamele iintlanga, ngelizwi ke nangomsebenzi,

19. ngamandla emiqondiso nezimanga, ngamandla oMoya kaThixo; endide ndathi, ndithabathela eYerusalem, ndajikelezisa, ndezisa kwelaseIliriko, ndazizalisa iindaba ezilungileyo zikaKristu.

20. Ndenjénjalo ke ukuzondelela ukushumayela iindaba ezilungileyo; kungekhona apho uKristu wakhankanywayo, ukuze ndingakhi phezu kwesiseko somnye;

21. kube njengokuba kubhaliwe, kwathiwa,Abo bangabikelwanga nto ngaye, baya kubona;Nabo bangevanga nto, baya kuqonda.(UIsaya 52:15)

22. Kungoko ndabanjezelwayo nokubanjezelwa futhi, ukuba ndingafiki kuni.

23. Ngoku ke ndíngasenandawo nje kule mimandla, ndíneminyaka ke emininzi ndilangazelela ukuza kuni,

24. xa ndihambela kwelaseSpani, ndoza kuni; kuba ndithemba ukunibona xa ndicandayo kuni, nokuphelekelelwa nini ukuya khona, ukuba ndithe kuqala ndakha ndadlelana nani ngokwaneleyo.

25. Kalokunje ke ndisinga eYerusalem, ndisiya kulungiselela abangcwele.

26. Kuba kwakholeka kwabelaseMakedoni nabelaseAkaya, ukuba badlelane namahlwempu abo bangcwele baseYerusalem ngokuwupha okuthile.

27. Ndithi kwakholeka kubo, kuba kakade banetyala kubo. Kuba iintlanga, xa zadlelanayo nabo ngezinto zabo ezizezomoya, zifanele ukubabusela ngezizezenyama.

28. Ngoko, ndakuba ndikufinyezile oko, ndasinqabisela kubo eso siqhamo, ndobuya ngani ukuya kwelaseSpani.

29. Ndiyazi ke ukuba ndothi, ndakuza kuni, ndize ndinentsikelelo ezalisekileyo yeendaba ezilungileyo zikaKristu.

30. Ke kaloku ndiyanivuselela, bazalwana, ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu, nangalo uthando loMoya, ukuba nizame kunye nam ekundithandazeleni kuye uThixo,

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 15