Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 15:14-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Ke kaloku, bazalwana bam, ndeyisekile nam ngokwam, mayelana nani, kukuba nani ngokwenu nizele nazaliswa kukulunga, nizele kuko konke ukwazi, nínako nokululekana.

15. Kodwa ke ndibhalile kuni ngobuganga obukhulu kwezinye iindawo, bazalwana, ngokophindayo ukunikhumbuza ngenxa yobabalo awandibabala ngalo uThixo,

16. ukuze ndibe ngobúsela iintlanga kuYesu Kristu, osebenza ububingeleli ngazo iindaba ezilungileyo zikaThixo, ukuze ukusondezwa kweentlanga kwamkeleke kakuhle, kúngcwalisiwe ngoMoya oyiNgcwele.

17. Ngoko ndiyazingca, ndíkuKristu Yesu, ngezinto ezilunge kuThixo.

18. Kuba mna andiyi kuba nabuganga bakuthetha nto ngezinto angazisebenzanga uKristu ngam, ukuze zimlulamele iintlanga, ngelizwi ke nangomsebenzi,

19. ngamandla emiqondiso nezimanga, ngamandla oMoya kaThixo; endide ndathi, ndithabathela eYerusalem, ndajikelezisa, ndezisa kwelaseIliriko, ndazizalisa iindaba ezilungileyo zikaKristu.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 15