Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 15:1-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Thina ke bomeleleyo sifanele ukukuthwala ukuswela amandla kwabangomeleleyo, singazikholisi.

2. Masithi sonke ngabanye simkholise ummelwane kokumlungeleyo, ukuze akheke.

3. Kuba naye uKristu akazikholisanga; wathi, njengokuba kubhaliwe, Iingcikivo zabakungcikiváyo záwa phezu kwam.

4. Kuba izinto zonke ezabhalwayo ngenxa engaphambili, zaye zibhalelwa okwethu ukufundiswa, ukuze sithi ngalo unyamezelo novuselelo lwezibhalo sibe nalo ithemba.

5. Wanga ke uThixo wonyamezelo novuselelo anganinika ukucinga nto-nye phakathi kwenu, ngokukaKristu Yesu;

6. ukuze nithi, nimxhelo mnye, nimzukise ngamlomo mnye uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Kristu.

7. Kungoko ndithi, Yamkelanani, njengokuba naye uKristu wasamkelayo, ukuba kuzukiswe uThixo.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 15