Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 15:1-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Thina ke bomeleleyo sifanele ukukuthwala ukuswela amandla kwabangomeleleyo, singazikholisi.

2. Masithi sonke ngabanye simkholise ummelwane kokumlungeleyo, ukuze akheke.

3. Kuba naye uKristu akazikholisanga; wathi, njengokuba kubhaliwe, Iingcikivo zabakungcikiváyo záwa phezu kwam.

4. Kuba izinto zonke ezabhalwayo ngenxa engaphambili, zaye zibhalelwa okwethu ukufundiswa, ukuze sithi ngalo unyamezelo novuselelo lwezibhalo sibe nalo ithemba.

5. Wanga ke uThixo wonyamezelo novuselelo anganinika ukucinga nto-nye phakathi kwenu, ngokukaKristu Yesu;

6. ukuze nithi, nimxhelo mnye, nimzukise ngamlomo mnye uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Kristu.

7. Kungoko ndithi, Yamkelanani, njengokuba naye uKristu wasamkelayo, ukuba kuzukiswe uThixo.

8. Ke kaloku ndithi, uYesu Kristu waba ngumlungiseleli wolwaluko ngenxa yenyaniso kaThixo, ukuze aqiniseke amadinga akhe koobawo;

9. zithi ke iintlanga zimzukise uThixo ngenxa yenceba yakhe, njengokuba kubhaliwe kwathiwa,Ngenxa yoko, ndiya kukudumisa phakathi kweentlanga,Ndilibethele uhadi igama lakho.(INdum. 18:49)

10. Kananjalo athi,Yibani nemihlali, zintlanga, ndawonye nabantu bakhe.(IDut. 32:43)

11. Kananjalo,Yidumiseni iNkosi, nonke nina zintlanga,Niyibonge, nonke nina bantu.(INdum. 117:1)

12. Kananjalo uIsaya uthi,Liya kubakho iHlumelo likaYese;Úya kuvela oya kulawula iintlanga;Ziya kuthembela kuye iintlanga.(UIsaya 11:1,10)

13. Wanga ke uThixo wethemba elo anganizalisa ngalo lonke uvuyo noxolo ekukholweni, ukuze niphuphume ithemba ngamandla oMoya oyiNgcwele.

14. Ke kaloku, bazalwana bam, ndeyisekile nam ngokwam, mayelana nani, kukuba nani ngokwenu nizele nazaliswa kukulunga, nizele kuko konke ukwazi, nínako nokululekana.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 15