Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 14:7-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Kuba akukho namnye kuthi uzidlelayo ubomi, akukho namnye uzifelayo.

8. Kuba nokuba sithi sidle ubomi, sibudlela iNkosi; nokuba sithi sife, sifela iNkosi. Ngoko ke, nokuba sithi sidle ubomi, nokuba sithi sife, singabeNkosi.

9. Kuba uKristu wafa, wabuya wavuka, wabuya wadla ubomi, ngenxa yoku, ukuze aphathe ubukhosi kwabafileyo, kwanakwabaphilileyo.

10. Ke wena, yini na ukuba umgwebe umzalwana wakho? Hi wena, yini na ukuba umenze into engeyakonto umzalwana wakho? Kuba thina siya kuma sonke phambi kwesihlalo sokugweba sikaKristu.

11. Kuba kubhaliwe kwathiwa,Ndihleli nje mna, itsho iNkosi, aya kugoba kum onke amadolo,Zidumise uThixo zonke iilwimi.(UIsaya 45:23)

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 14