Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 14:12-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Ngoko ke elowo kuthi uya kuziphendulela kuThixo.

13. Masingabi sagwebana ngoko; kanye yithini ukugweba, makungabekwa siwiso, nasikhubekiso, phambi komzalwana.

14. Ndiyazi, ndeyisekile, ndiseNkosini uYesu nje, ukuba akukho nto iyinqambi ngokwayo; kodwa ke kuye obalela into ekuthini iyinqambi, kulowo iyinqambi.

15. Ukuba ke umzalwana wakho wenziwa buhlungu ngenxa yokusuka udle, akusahambi ngokothando. Musa ukumtshabalalisa ngokudla kwakho, yena lowo uKristu wamfelayo.

16. Ngoko okulungileyo kwenu makunganyeliswa.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 14