Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 14:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Lowo ke uswele amandla elukholweni, mamkeleni, kodwa ke kungabi ngokucalula zicamango.

2. Omnye okunene uyakholwa ukuba angàzidla izinto zonke; kodwa yena oswele amandla udla imifuno yodwa.

3. Lowo udlayo, makangamenzi into engeyakonto ongadliyo; nalowo ungadliyo, makangamgwebi odlayo; kuba uThixo umamkele.

4. Ùngubani na wena ugweba isicaka somnye? Ukuma kwaso, nokuba kukuwa kwaso, kusenkosini yaso. Síya kuma ke; kuba uThixo unako ukusimisa.

5. Omnye okunene ubeka umhla othile kunomnye umhla, wumbi ke ubeka imihla yonke. Elowo nalowo makaqiniseke kweyakhe ingqiqo.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 14