Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 13:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Yonke imiphefumlo mayiwalulamele amagunya awongamileyo. Kuba akukho gunya lingelilo elivela kuThixo; amagunya ke akhoyo amiswe nguThixo.

2. Ngoko ke olichasayo igunya, umelene nommiselo kaThixo; abo ke bameleneyo nawo, baya kuziguqulela ukugwetywa.

3. Kuba abaphathi aba asingabokoyikwa kwimisebenzi elungileyo, ngabokoyikwa kwemibi. Ùnga akungeloyiki na ke igunya? Yenza okulungileyo, wodunyiswa kwalilo;

4. kuba lingumlungiseleli kaThixo, wokuba kulungele wena. Ke, ukuba usuka wenze okubi, yoyika; kuba alifumane laliphatha ikrele, kuba lingumlungiseleli kaThixo, umphindezeli ngengqumbo kowenza okubi.

5. Kungoko ndithi, kufuneka ukulilulamela, ningakwenzi oko ngenxa yengqumbo yodwa, nikwenze nangenxa yesazela.

6. Kuba kukwangenxa yoko eninikela irhafu; kuba ngababusi bakaThixo, bezingisa ukusebenza loo nto.

7. Ngoko bonke banikeni okubafaneleyo; mnikeni irhafu ofanelwe yirhafu, unikelo ofanelwe lunikelo, ukoyika ofanelwe kukoyikwa, imbeko ofanelwe yimbeko.

8. Musani ukuba natyala lanto mntwini, lingelilo elokuthandana; kuba omthandayo omnye uzalise umthetho.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 13