Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 12:8-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. nokuba ngovuselelayo, makahlale ekuvuseleleni oko; owabàyo makabe engenakumbi; owongamelayo, makongame enyamekile; owenza inceba makayenze inceba echwayithile.

9. Uthando malungabi naluhanahaniso; kuthiyeni okungendawo, namathelani kokulungileyo.

10. Mayela nothando olu lobuzalwana, ndithi, yenzelanani ububele; mayela nembeko leyo, phangelanani;

11. mayela nokunyameka oko, musani ukunqena; mayela nomoya lo, vuthani;

12. mayela neNkosi le, khonzani; mayela nethemba, vuyani; mayela nembandezelo, nyamezelani; mayela nomthandazo, zingisani;

13. mayela neentswelo zabangcwele, yibani nobudlelane; ukubuka iindwendwe kusukeleni.

14. Basikeleleni abanitshutshisayo; sikelelani, ningaqalekisi.

15. Vuyani nabavuyayo, nilile nabalilayo.

16. Cingelanani nto-nye; musani ukucinga izinto eziphakamileyo, tsalelani kwezithobekileyo. Musani ukuba ziingqondi ngokwenu.

17. Ningabuyekezi ububi ngobubi nakubani. Khathalelani okùhle emehlweni abantu bonke.

18. Ukuba kunokwenzeka, okukokwenu nina, hlalani ninoxolo nabantu bonke.

19. Musani ukuziphindezelela, zint'anda; yikhweleleni ingqumbo; kuba kubhaliwe kwathiwa, Impindezelo yeyam, kuya kubuyekeza mna, itsho iNkosi.

20. Ngoko ke, ukuba utshaba lwakho lulambile, luphe ludle; ukuba lunxaniwe, luseze; kuba ngokwenjenjalo ke, woba ufumba amalahle omlilo phezu kwentloko yalo.

21. Musa ukweyiswa bububi; boyise ububi ngokulungileyo.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 12