7. nokuba sinobulungiseleli, masihlale ebulungiselelini obo; nokuba ngofundisayo, makahlale emfundisweni leyo;
8. nokuba ngovuselelayo, makahlale ekuvuseleleni oko; owabàyo makabe engenakumbi; owongamelayo, makongame enyamekile; owenza inceba makayenze inceba echwayithile.
9. Uthando malungabi naluhanahaniso; kuthiyeni okungendawo, namathelani kokulungileyo.
10. Mayela nothando olu lobuzalwana, ndithi, yenzelanani ububele; mayela nembeko leyo, phangelanani;
11. mayela nokunyameka oko, musani ukunqena; mayela nomoya lo, vuthani;
12. mayela neNkosi le, khonzani; mayela nethemba, vuyani; mayela nembandezelo, nyamezelani; mayela nomthandazo, zingisani;
13. mayela neentswelo zabangcwele, yibani nobudlelane; ukubuka iindwendwe kusukeleni.
14. Basikeleleni abanitshutshisayo; sikelelani, ningaqalekisi.
15. Vuyani nabavuyayo, nilile nabalilayo.
16. Cingelanani nto-nye; musani ukucinga izinto eziphakamileyo, tsalelani kwezithobekileyo. Musani ukuba ziingqondi ngokwenu.
17. Ningabuyekezi ububi ngobubi nakubani. Khathalelani okùhle emehlweni abantu bonke.
18. Ukuba kunokwenzeka, okukokwenu nina, hlalani ninoxolo nabantu bonke.