Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 12:15-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Vuyani nabavuyayo, nilile nabalilayo.

16. Cingelanani nto-nye; musani ukucinga izinto eziphakamileyo, tsalelani kwezithobekileyo. Musani ukuba ziingqondi ngokwenu.

17. Ningabuyekezi ububi ngobubi nakubani. Khathalelani okùhle emehlweni abantu bonke.

18. Ukuba kunokwenzeka, okukokwenu nina, hlalani ninoxolo nabantu bonke.

19. Musani ukuziphindezelela, zint'anda; yikhweleleni ingqumbo; kuba kubhaliwe kwathiwa, Impindezelo yeyam, kuya kubuyekeza mna, itsho iNkosi.

20. Ngoko ke, ukuba utshaba lwakho lulambile, luphe ludle; ukuba lunxaniwe, luseze; kuba ngokwenjenjalo ke, woba ufumba amalahle omlilo phezu kwentloko yalo.

21. Musa ukweyiswa bububi; boyise ububi ngokulungileyo.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 12