Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 12:13-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. mayela neentswelo zabangcwele, yibani nobudlelane; ukubuka iindwendwe kusukeleni.

14. Basikeleleni abanitshutshisayo; sikelelani, ningaqalekisi.

15. Vuyani nabavuyayo, nilile nabalilayo.

16. Cingelanani nto-nye; musani ukucinga izinto eziphakamileyo, tsalelani kwezithobekileyo. Musani ukuba ziingqondi ngokwenu.

17. Ningabuyekezi ububi ngobubi nakubani. Khathalelani okùhle emehlweni abantu bonke.

18. Ukuba kunokwenzeka, okukokwenu nina, hlalani ninoxolo nabantu bonke.

19. Musani ukuziphindezelela, zint'anda; yikhweleleni ingqumbo; kuba kubhaliwe kwathiwa, Impindezelo yeyam, kuya kubuyekeza mna, itsho iNkosi.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 12