Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 12:1-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ndiyanivuselela ngoko, bazalwana, ngeemfefe zikaThixo, ukuba niyinikele imizimba yenu ibe lidini eliphilileyo, elingcwele, elikholekileyo kuThixo: inkonzo yenu ke leyo yasengqondweni.

2. Kanjalo ningamilisi okweli phakade; manibe kumila kumbi ngokuhlaziyeka kwengqiqo yenu, ukuze nikucikide into okuyiyo ukuthanda kukaThixo okulungileyo, okukholekileyo, okuzalisekileyo.

3. Kuba ngalo ubabalo endababalwa ngalo, ndithi kubo bonke abaphakathi kwenu, mabangazicingeli ngaphezu koko bamelwe kukuzicingela ngako; mabazicingele ingcinga ephilileyo, njengoko uThixo abelé ulowo nalowo umlinganiso wokholo.

4. Kuba, kwanjengokuba sinamalungu amaninzi mzimbeni mnye, abe ke onke amalungu la engenamsebenzi mnye,

5. ngokunjalo thina aba, sibaninzi nje, simzimba mnye kuKristu, sonke ke ngabanye singamalungu omnye elomnye.

6. Sinezibabalo nje ke ezahlukahlukileyo, ngokobabalo esababalwa ngalo, nokuba sinokuprofeta, masiprofete ngokomlinganiselo wokholo;

7. nokuba sinobulungiseleli, masihlale ebulungiselelini obo; nokuba ngofundisayo, makahlale emfundisweni leyo;

8. nokuba ngovuselelayo, makahlale ekuvuseleleni oko; owabàyo makabe engenakumbi; owongamelayo, makongame enyamekile; owenza inceba makayenze inceba echwayithile.

9. Uthando malungabi naluhanahaniso; kuthiyeni okungendawo, namathelani kokulungileyo.

10. Mayela nothando olu lobuzalwana, ndithi, yenzelanani ububele; mayela nembeko leyo, phangelanani;

11. mayela nokunyameka oko, musani ukunqena; mayela nomoya lo, vuthani;

12. mayela neNkosi le, khonzani; mayela nethemba, vuyani; mayela nembandezelo, nyamezelani; mayela nomthandazo, zingisani;

13. mayela neentswelo zabangcwele, yibani nobudlelane; ukubuka iindwendwe kusukeleni.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 12