Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 11:26-36 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

26. aze ngokunjalo ke wonke uSirayeli asindiswe, njengokuba kubhaliwe kwathiwa,Úya kuvela eZiyon uMhlanguli,Akusonge kumke kwaYakobi ukungahloneli Thixo.

27. Nguwo ke lo umnqophiso wam nabo,Xa ndithe ndazisusa izono zabo.(UIsaya 59:20)

28. Okunene ngokweendaba ezilungileyo, baziintshaba ngenxa yenu; kodwa ngokonyulo, ngabaziintanda ngenxa yoobawo.

29. Kuba azinabuyambo izibabalo ezi, nobizo olu lukaThixo.

30. Kuba, njengokuba nani benifudula ningamvi uThixo, ngoku ke nenzelwe inceba kukungeva kwabo abo;

31. kwangokunjalo, nabo ababanga namvo ngoku, ukuze ngokwenzelwa kwenu inceba, benzelwe nabo inceba.

32. Kuba uThixo ubavalele ndawonye entsweleni-kuva bonke, ukuze abenzele inceba bonke.

33. Hayi, ubunzulu bobutyebi nobobulumko nobokwazi kukaThixo! Asikuko nokuba ayiphengululeki imigwebo yakhe, azilandeki iindlela zakhe!

34. Kuba ngubani na oyazileyo ingqiqo yeNkosi? Ngubani na khona othe waba ngumcebisi wayo?

35. Ngubani na khona owayinikayo ngenxa engaphambili, kwaza kwabuyekezwa kuye?

36. Ngokuba ziphuma kuyo ke, zikho ngayo, zikholo yona, zonke ezo zinto. Malube kuyo uzuko, kude kube ngunaphakade. Amen.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 11