Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 11:21-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Kuba, xa uThixo angawaconganga awasemvelweni amasebe, lumka hleze angakucongi nawe lo.

22. Khawububone ke ububele nobukhali bukaThixo; ubukhali okunene kwabo bawayo; kodwa kuwe, ububele, ukuba uthe wahlala kobo bubele; okanye wogawulwa nawe lo.

23. Nabo ke, ukuba abathanga bahlale ekungakholweni, bomiliselwa; kuba uThixo unako ukubuya abamilisele.

24. Kuba wena, xa wagawulwa kumnquma ongowasendle ngokwemvelo, waza wamiliselwa ngokunxamnye nemvelo komhle umnquma: bobeka phi na aba bangamasebe ngokwemvelo, ukumiliselwa kwabo kowabo umnquma?

25. Kuba andithandi, bazalwana, ukuba ningayazi le mfihlelo, ukuze ningabi ziingqondi ngokwenu: le yokuba ukuqaqadeka kuwahlele amaSirayeli ngenxenye, ide ingene inzaliseko yazo iintlanga;

26. aze ngokunjalo ke wonke uSirayeli asindiswe, njengokuba kubhaliwe kwathiwa,Úya kuvela eZiyon uMhlanguli,Akusonge kumke kwaYakobi ukungahloneli Thixo.

27. Nguwo ke lo umnqophiso wam nabo,Xa ndithe ndazisusa izono zabo.(UIsaya 59:20)

28. Okunene ngokweendaba ezilungileyo, baziintshaba ngenxa yenu; kodwa ngokonyulo, ngabaziintanda ngenxa yoobawo.

29. Kuba azinabuyambo izibabalo ezi, nobizo olu lukaThixo.

30. Kuba, njengokuba nani benifudula ningamvi uThixo, ngoku ke nenzelwe inceba kukungeva kwabo abo;

31. kwangokunjalo, nabo ababanga namvo ngoku, ukuze ngokwenzelwa kwenu inceba, benzelwe nabo inceba.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 11