Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 10:14-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Bothini na ke ukumnqula lowo bangakholwanga kuye? Bothini na ke ukukholwa kulowo bangamvanga? Bothini na ke ukuva, kungekho mshumayeli?

15. Bothini na ke ukushumayela, bengathunywanga? Njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Hayi, ukuba zintle kwazo iinyawo zabashumayela iindaba ezilungileyo zoxolo, zabashumayela iindaba ezilungileyo zezinto ezilungileyo!(UIsaya 52:7)

16. Àbazilulamelanga ke bonke iindaba ezilungileyo, kuba uIsaya uthi, Nkosi, ngubani na owakholwayo ludaba lwethu?

17. Ngoko ke ukholo luphuma eludabeni, udaba ke lukho ngelizwi likaThixo.

18. Ingaba kodwa, abevanga na? Ehla wena!Intlokoma yabo yaphuma, yaya kulo lonke ihlabathi,Namazwi abo aya eziphelweni zelimiweyo.(INdum. 19:4)

19. Ndithi, Kodwa ubengazi na uSirayeli? Ukuqala, uMoses uthi,Mna ndiya kunikhweletisa ngabangeluhlanga,Ndiya kunicaphukisa ngohlanga olungenangqondo.(IDut. 32:21)

20. Ke yena uIsaya akanqwanqwi; uthi,Ndifunyenwe ngababengandifuni,Ndaba nokubonakala kwababengandibuzi.(UIsaya 65:1)

21. Ke ngokubhekisele kuSirayeli uthi,Imini yonke izandla zam ndizolulele kubantu abangevayo, abaphikayo.(UIsaya 65:2)

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 10