Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 10:11-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Kuba isibhalo sithi, Bonke abakholwayo kuye abayi kudaniswa.

12. Kuba akukho kwahluka kwamYuda namGrike; kuba ikwayiloo Nkosi eyiNkosi yabo bonke, ibubutyebi kubo bonke abayinqulayo.

13. Kuba bonke abasukuba belinqula igama leNkosi bosindiswa.

14. Bothini na ke ukumnqula lowo bangakholwanga kuye? Bothini na ke ukukholwa kulowo bangamvanga? Bothini na ke ukuva, kungekho mshumayeli?

15. Bothini na ke ukushumayela, bengathunywanga? Njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Hayi, ukuba zintle kwazo iinyawo zabashumayela iindaba ezilungileyo zoxolo, zabashumayela iindaba ezilungileyo zezinto ezilungileyo!(UIsaya 52:7)

16. Àbazilulamelanga ke bonke iindaba ezilungileyo, kuba uIsaya uthi, Nkosi, ngubani na owakholwayo ludaba lwethu?

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 10