Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabasekolose 4:1-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Nina baziinkosi, baphatheni ngokufanelekileyo nangokulungeleleneyo abanikhonzayo; nisazi nje ukuba nani ngokwenu nineNkosi emazulwini.

2. Zingisani ukuthandaza, niphaphamile kuko, ninombulelo;

3. kunye noko nisithandazela, ukuze uThixo asivulele umnyango welizwi, ukuba siyithethe imfihlelo kaKristu, endikhonkxwe ngenxa yayo;

4. ukuze ndiyibonakalalise, njengoko ndimelwe kukuthetha ngako.

5. Hambani ngobulumko ngakwabo bangaphandle, nilonga ixesha eli.

6. Ukuthetha kwenu makuhlale kumnandi, kuvakalisiwe ngetyuwa, ukuze nazi ukuba nimelwe kukuthini na ukuphendula bonke ngabanye.

7. Izinto zonke ezilunge nam wonazisa uTikiko, umzalwana oyintanda, umlungiseleli othembekileyo, ongumkhonzi kunye nam eNkosini;

funda isahluko epheleleyo Kwabasekolose 4