Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabasekolose 3:5-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Bhubhisani ngoko amalungu enu asemhlabeni: umbulo, ukungcola, ukuthabatheka okuhlazisayo, inkanuko embi, nokubawa, okuyinkonzo yezithixo kona oko;

6. eza ngenxa yezo zinto ingqumbo kaThixo phezu kwabangevayo;

7. enanifudula nihamba phakathi kwazo nani, okuyá nibe nisidla ubomi nikuzo.

8. Ke ngoku, nani aba, kulahleni oku konke: ingqumbo, umsindo, ulunya, ukunyelisa; ukuthetha amanyala kungabikho emlonyeni wenu.

9. Musani ukuxokisana, nizihlubile nje umntu omdala, kunye nezenzo zakhe,

10. nambatha lowo umtsha, uhlaziyelwa ekwazini okuhle, ngokomfanekiselo walowo wamdalayo;

11. apho kungekho mGrike namYuda, kwalùka nokungaluki, mbharbhari* namSkitiya, khoboka namkhululeki; usuke uKristu waba zizinto zonke, waba kubo bonke.

12. Yambathani ngoko, njengabanyulwa bakaThixo, abangcwele, abathandiweyo, iimfesane zeemfefe, ububele, ukuthobeka kwentliziyo, ubulali, ukuzeka kade umsindo, ninyamezelana,

13. nixolelana, ukuba ubani uthi abe nokusola ngakubani; njengokuba naye uKristu wanixolelayo, yenjani njalo nani.

14. Ke, phezu kwazo zonke ezo zinto, yalékani uthando, oluyintambo yogqibelelo.

15. Uxolo lukaThixo, enabizelwa kwakulo mzimbeni mnye, malulawule ezintliziyweni zenu, nibe nokubulela.

16. Ilizwi likaKristu malihlale ngaphakathi kwenu ngokobutyebi; nifundisana, nilulekana ngabo bonke ubulumko; nithi, ngeendumiso neengoma nezango ezizezomoya, nivume kamnandi entliziyweni yenu kuyo iNkosi.

17. Nako konke enisukuba nikwenza ngelizwi, nokuba kungomsebenzi, yenzani izinto zonke egameni leNkosi uYesu, nibulela ngayo kuye uThixo uYise.

18. Nina bafazi, walulameleni awenu amadoda, njengoko kufanele abaseNkosini.

19. Nina madoda, bathandeni abafazi benu, ningabi bukhali kubo.

funda isahluko epheleleyo Kwabasekolose 3