Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabasekolose 3:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ukuba ngoko navuswa kunye noKristu, funani izinto zaphezulu, apho akhona uKristu, ehleli ngasekunene kukaThixo.

2. Nyamekelani izinto zaphezulu, zingabi zezasemhlabeni.

3. Kuba nafayo, baye ubomi benu bufihlakele ndawonye noKristu kuye uThixo.

4. Xa athe wabonakalaliswa uKristu, obubomi bethu, ngelo xesha niya kubonakalaliswa nani, ninaye ebuqaqawulini.

5. Bhubhisani ngoko amalungu enu asemhlabeni: umbulo, ukungcola, ukuthabatheka okuhlazisayo, inkanuko embi, nokubawa, okuyinkonzo yezithixo kona oko;

6. eza ngenxa yezo zinto ingqumbo kaThixo phezu kwabangevayo;

7. enanifudula nihamba phakathi kwazo nani, okuyá nibe nisidla ubomi nikuzo.

8. Ke ngoku, nani aba, kulahleni oku konke: ingqumbo, umsindo, ulunya, ukunyelisa; ukuthetha amanyala kungabikho emlonyeni wenu.

9. Musani ukuxokisana, nizihlubile nje umntu omdala, kunye nezenzo zakhe,

10. nambatha lowo umtsha, uhlaziyelwa ekwazini okuhle, ngokomfanekiselo walowo wamdalayo;

11. apho kungekho mGrike namYuda, kwalùka nokungaluki, mbharbhari* namSkitiya, khoboka namkhululeki; usuke uKristu waba zizinto zonke, waba kubo bonke.

12. Yambathani ngoko, njengabanyulwa bakaThixo, abangcwele, abathandiweyo, iimfesane zeemfefe, ububele, ukuthobeka kwentliziyo, ubulali, ukuzeka kade umsindo, ninyamezelana,

funda isahluko epheleleyo Kwabasekolose 3