Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabasekolose 1:9-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Ngenxa yoku, kususela kwimini esevayo, nathi asiphezi ukunithandazela nokunicelela, ukuze nizaliswe kukukwazi kakuhle ukuthanda kwakhe, ninokulumka nokuqonda konke okukokomoya;

10. ukuze nihambe ngokuyifaneleyo iNkosi, nise kuko konke ukukholisa, nixakathe isiqhamo kuwo wonke umsebenzi olungileyo, nikhulela ekumazini uThixo;

11. nisomelezwa ngokomelela konke, ngokokuqina kozuko lwakhe, nide nise kuko konke ukunyamezela, nokuzeka kade umsindo, kunye novuyo;

12. nibulela kuye uYise, owasenza sakulingana ukwahlulelwa ilifa labangcwele ekukhanyeni;

13. owasihlangulayo egunyeni lobumnyama, wasifudusela ebukumkanini boNyana wothando lwakhe,

14. esinayo kuye inkululeko ngokuhlawulelwa ngegazi lakhe, ukuxolelwa kwezono ke oko.

15. Úngumfanekiselo kaThixo ongenakubonwa, owamazibulo kwindalo yonke.

16. Ngokuba zadalelwa kuye zonke izinto, ezisemazulwini nezisemhlabeni, ezinokubonwa nezingenakubonwa, nokuba ziitrone, nokuba zibubukhosi, nokuba zizilawuli, nokuba ngamagunya; zonke izinto zidalwe nguye, zidalelwe yena.

17. Yena ke ungaphambi kweento zonke, nazo zonke izinto zima zimi kuye.

18. Yena ke uyintloko yomzimba, yebandla; oyingqalo, owamazibulo ukuvuka kwabafileyo, ukuze yena abe ngomkhulu ezintweni zonke.

19. Ngokuba kwakholeka ukuthi ukuzaliseka konke kuhlale kuye,

20. nokuthi ngaye azixolelanise naye zonke izinto, elwenzile uxolo ngalo igazi lomnqamlezo wakhe; ewe, ngaye, nokuba zizinto ezisemhlabeni, nokuba zezisemazulwini.

funda isahluko epheleleyo Kwabasekolose 1