Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabasekolose 1:3-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Sihlala sibulela kuye uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Kristu, xa sinithandazelayo,

4. sívile nje ngokukholwa kwenu kuKristu Yesu, nokubathanda kwenu bonke abangcwele,

5. ngenxa yethemba eli nalibekelwayo emazulwini; nalivayo ngenxa engaphambili ngalo ilizwi lenyaniso leendaba ezi zilungileyo;

6. zikhoyo kuni, njengoko zikhoyo nakulo lonke ihlabathi, zixakatha neziqhamo, kwanjengoko zixakathayo ngaphakathi kwenu, kususela kwimini enaluvayo, nalwazi, ubabalo lukaThixo ngenyaniso;

7. njengoko nafundayo nokufunda kuEpafra, ongumkhonzi oyintánda kunye nathi, engumlungiseleli othembekileyo kaKristu ngenxa yenu;

8. owasazisayo nokusazisa uthando lwenu lwaseMoyeni.

9. Ngenxa yoku, kususela kwimini esevayo, nathi asiphezi ukunithandazela nokunicelela, ukuze nizaliswe kukukwazi kakuhle ukuthanda kwakhe, ninokulumka nokuqonda konke okukokomoya;

10. ukuze nihambe ngokuyifaneleyo iNkosi, nise kuko konke ukukholisa, nixakathe isiqhamo kuwo wonke umsebenzi olungileyo, nikhulela ekumazini uThixo;

11. nisomelezwa ngokomelela konke, ngokokuqina kozuko lwakhe, nide nise kuko konke ukunyamezela, nokuzeka kade umsindo, kunye novuyo;

12. nibulela kuye uYise, owasenza sakulingana ukwahlulelwa ilifa labangcwele ekukhanyeni;

funda isahluko epheleleyo Kwabasekolose 1