Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabasekolose 1:16-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Ngokuba zadalelwa kuye zonke izinto, ezisemazulwini nezisemhlabeni, ezinokubonwa nezingenakubonwa, nokuba ziitrone, nokuba zibubukhosi, nokuba zizilawuli, nokuba ngamagunya; zonke izinto zidalwe nguye, zidalelwe yena.

17. Yena ke ungaphambi kweento zonke, nazo zonke izinto zima zimi kuye.

18. Yena ke uyintloko yomzimba, yebandla; oyingqalo, owamazibulo ukuvuka kwabafileyo, ukuze yena abe ngomkhulu ezintweni zonke.

19. Ngokuba kwakholeka ukuthi ukuzaliseka konke kuhlale kuye,

20. nokuthi ngaye azixolelanise naye zonke izinto, elwenzile uxolo ngalo igazi lomnqamlezo wakhe; ewe, ngaye, nokuba zizinto ezisemhlabeni, nokuba zezisemazulwini.

21. Nani, enibe nifudula ningazani noThixo, niziintshaba ngengqondo yenu emisebenzini yenu engendawo, kukalokunje unixolelanisile ngako ukufa emzimbeni wenyama yakhe,

22. ukuze animise ningcwele, ningenakubekwa bala, ningenakumangalelwa phambi kwakhe;

23. ukuba kaloku nihlala nihleli elukholweni, nisekelwe niqinile, ningashukunyiswa nimke ethembeni leendaba ezilungileyo ezi nazivayo, zona zashunyayelwayo kwindalo yonke ephantsi kwezulu; endaba ngumlungiseleli wazo, mna Pawulos.

24. Ngoku ndiyavuya ezintlungwini zam ngenxa yenu, ndikuzalisa kanye okusileleyo kwiimbandezelo zikaKristu, enyameni yam, ngenxa yomzimba wakhe olilo ibandla;

25. endaba ngumlungiseleli walo mna ngokokugosisa kukaThixo, awandigosisa ngako kuni, ukuba ndilizalise ilizwi likaThixo,

26. kwaimfihlelo, leyo ke ibifihliwe kwasemaphakadeni nasezizukulwaneni; kukalokunje ibonakalalisiweyo kubo abangcwele bakhe,

funda isahluko epheleleyo Kwabasekolose 1