Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabasefilipi 4:8-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Elokugqiba, bazalwana, ndithi, iinto zonke eziyinene, iinto zonke ezindilekileyo, iinto zonke ezibubulungisa, iinto zonke ezinyulu, iinto zonke ezithandekayo, iinto zonke eziludumo lulungileyo, ukuba kukho sidima, ukuba kukho ndumiso, zithelekeleleni ezo zinto.

9. Kwaezo zinto nazifundayo, nazamkela, naziva, nazibona kum, yenzani zona ezo; waye uThixo woxolo eya kuba nani.

10. Ke kaloku ndaye ndivuya eNkosini kakhulu, ukuba ngoku kokugqibela kude kwathi ukukunyamekela kwenu okwam, kwabuya kwatyatyamba: enaye nikunyamekele okunene, koko ke naniswele ithuba.

11. Kungekuko ukuba ndithetha ngokuswela; kuba mna ndafunda ukuthi entlalweni endikuyo ndanele.

12. Ndiyazana nobuhlwempu, ndiyazana nobutyebi; kuko konke, nasezintweni zonke, ndiqhelanisiwe nokuhlutha kwanokulamba, nokutyeba kwanokuswela.

13. Ndinokuzenza izinto zonke, ndikulowo undomelezayo, uKristu.

14. Noko ke natyapha ukuba nobudlelane nam ngembandezelo.

15. Nani ke baseFilipi, niyazi ukuba, ekuqalekeni kweendaba ezilungileyo ezi, xenikweni ndaphumayo kwelaseMakedoni, akubangakho nalinye ibandla eladlelana nam, ngokusingisele emcimbini wokunikela nowokwamkela, yaba nini nedwa.

16. Ngokuba, naseTesalonika, kwaba kanye nakabini nithumela, nindinceda ekusweleni kwam.

17. Ingekuko ukuba ndibe ndifuna ukuphiwa; ikukuba ndibe ndifuna isiqhamo esandela emcimbini wenu.

18. Ke ndinezinto zonke nje, ndìtyebile, ndìhluthi, ndìzamkele nje kuEpafrodito izinto ezavela kuni: ivumba elimnandi, umbingelelo owamkelekileyo, okholekileyo kakuhle kuye uThixo.

19. Ke uThixo wam wókwenzelelela konke ukuswela kwenu ngokobutyebi bakhe, ngokozuko olukuKristu Yesu.

20. Kuye ke uThixo, uBawo wethu, malubekho uzuko, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.

21. Bulisani bonke abangcwele abakuKristu Yesu. Bayanibulisa abazalwana abanam.

22. Bayanibulisa bonke abangcwele, ngokukodwa ke aba bendlu kaKesare.*

23. Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nani nonke. Amen.

funda isahluko epheleleyo Kwabasefilipi 4