Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabasefilipi 4:16-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Ngokuba, naseTesalonika, kwaba kanye nakabini nithumela, nindinceda ekusweleni kwam.

17. Ingekuko ukuba ndibe ndifuna ukuphiwa; ikukuba ndibe ndifuna isiqhamo esandela emcimbini wenu.

18. Ke ndinezinto zonke nje, ndìtyebile, ndìhluthi, ndìzamkele nje kuEpafrodito izinto ezavela kuni: ivumba elimnandi, umbingelelo owamkelekileyo, okholekileyo kakuhle kuye uThixo.

19. Ke uThixo wam wókwenzelelela konke ukuswela kwenu ngokobutyebi bakhe, ngokozuko olukuKristu Yesu.

20. Kuye ke uThixo, uBawo wethu, malubekho uzuko, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.

21. Bulisani bonke abangcwele abakuKristu Yesu. Bayanibulisa abazalwana abanam.

22. Bayanibulisa bonke abangcwele, ngokukodwa ke aba bendlu kaKesare.*

funda isahluko epheleleyo Kwabasefilipi 4