Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabasefilipi 4:1-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngoko ke, bazalwana bam abaziintánda, balangazelelwayo, lùvuyo lwam, sithsaba sam, yimani ngokunjalo eNkosini, zintánda.

2. UWodiya ndiyamyala, noSintike ndiyamyala, ukuba bacinge nto-nye beseNkosini.

3. Ndiyakucela nawe, sinxulumana senyaniso, bambisana nabo bafazi bázama nam ezindabeni ezilungileyo, kwanoKlemente, nabanye abasebenzisi bam, abamagama asencwadini yobomi.

4. Vuyani eNkosini amaxesha onke; ndiyaphinda ndithi, Vuyani.

5. Ukuthantamisa kwenu makwazeke kubantu bonke.

6. INkosi ikufuphi. Ningaxhaleli nto; mazithi iingcelo zenu ezintweni zonke, ngako ukuthandaza nokukhunga, ndawonye nokubulela, zaziswe kuye uThixo.

7. Lwaye uxolo lukaThixo, olugqithisele kuko konke ukuqonda, luya kuzigcina iintliziyo zenu neengqiqo zenu kuKristu Yesu.

funda isahluko epheleleyo Kwabasefilipi 4