Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabasefilipi 3:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Elokugqiba, bazalwana bam, vuyani niseNkosini. Ukunibhalela kwaezo zinto akunqenekile okunene kum, ke nina kuyaninqabisa.

2. Zilumkeleni izinja, balumkeleni abasebenzi beento ezimbi, balumkeleni aborhunulo.

3. Kuba abolwaluko sithi, thina bakhonza uThixo ngomoya, siqhayise ngoKristu Yesu, singakholosi ngenyama;

4. nakuba mna ndibe ndingakholosayo ngenyama; ukuba kukho bani uba unokukholosa ngenyama, bendingaba ngakumbi mna:

5. ndalukáyo ngomhla wesibhozo, ndingowenzala kaSirayeli, ndingowesizwe sikaBhenjamin, umHebhere wamaHebhere, ngokomthetho ndingumFarisi,

6. ngokwenzondelelo ndilitshutshisa ibandla, ngokobulungisa obo basemthethweni ndingongenakusoleka.

7. Ndisuké, zona ezo zinto zabe ziyinzuzo kum, zona ezo ndazibalela ekuthini ziyinkxwaleko ngenxa kaKristu.

8. Ewe, okunene, ndisuka izinto zonke ndizibalele ekuthini ziyinkxwaleko, ngenxa yokongama kokumazi uKristu Yesu iNkosi yam; endithe ngenxa yakhe ndonakalelwa zezi zinto zonke, ndizibalela ekuthini ziyinkunkuma, ukuze ndimzuze uKristu,

9. ndifunyanwe ndikuye, ndingenabo obam ubulungisa, obo basemthethweni; ndinobo bungokukholwa kuKristu, ubulungisa ke obuphuma kuThixo ngalo ukholo;

10. ukuba ndimazi, kwanamandla ovuko lwakhe, nokuba ndibe nobudlelane naye ngeentlungu zakhe, ndifaniswe noko kufa kwakhe;

11. ukuba ndingáde ndifikelele ekuvukeni kwabafileyo.

12. Kungekuko ukuthi sendamkele, nokuthi sendigqibelele; ke ndiphuthuma ukuba ndingakugánga na nokukugánga oko, ndathi nam ndagangelwa khona nguye uKristu Yesu.

funda isahluko epheleleyo Kwabasefilipi 3