Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabasefilipi 2:3-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. ningenzi nanye into ngokweyelenqe, nangokozuko olulambathayo. Yithini ngokuthobeka kwentliziyo omnye ambalele omnye ekuthini nguyena wongamileyo kunaye.

4. Makangathi elowo axunele kwezakhe izinto zodwa, elowo makaxunele nakwezabanye.

5. Yibani nale ngcinga kuni, wayenayo kuye uKristu Yesu:

6. yena wàthi, esebumeni bukaThixo, akathi ukulingana kwakhe oku noThixo kulixhoba;

7. usuke wazihluba, wathabatha ubume bomkhonzi, enziwe wafana nabantu;

8. wathi ngemo efunyenwe enjengomntu, wazithoba, waba ngolulamileyo, wada wesa ekufeni, ukufa ke kwasemnqamlezweni.

9. Kungoko athe uThixo wamphakamisa kakhulu, wamnika igama elingaphezu kwawo onke amagama;

10. ukuze ngegama likaYesu onke amadolo agobe, awabasemazulwini, nawabasemhlabeni, nawabaphantsi komhlaba;

11. zithi zonke iilwimi zixele ukuba uYesu Kristu uyiNkosi, kuze kuzukiswe uThixo uYise.

funda isahluko epheleleyo Kwabasefilipi 2