Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabasefilipi 2:18-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Yithini ke ngokoko nani nivuye, nivuyisane nam.

19. Ke kaloku ndithembele eNkosini uYesu, ukuba ndonithumela uTimoti kamsinya, ukuze nam ndonwabe, ndakuzazi iindawo ezingani.

20. Kuba andinamntu wumbi, umphefumlo uvana nowam, owothi ayikhathalele ngokwenyaniso imicimbi engani.

21. Kuba bonke bafuna ezabo izinto, zingezizo ezikaYesu Kristu.

22. Ukucikideka ke kwakhe niyakwazi: ukuba wathi, njengomntwana kuyise, wakhonza kunye nam kuzo iindaba ezilungileyo.

23. Lowo ke ngoko ndithembé ukumthuma kwaoko, xa ndithe ndayiqonda imicimbi engam.

24. Ke ndikholose ngeNkosi, ukuba nam ngokwam ndoza kamsinya.

25. Kodwa ke ndibé kuyafuneka ukuba ndinithumele uEpafrodito, umzalwana wam osebenza nam, umphumi-mkhosi nam, umthunywa wenu ke, umlungiseleli wam kwiintswelo zam;

26. ekubeni ke ebenilangazelela nina nonke, edandatheka, ngenxa enokuba nevayo ukuba wayesifa.

27. Kuba okunene wayesifa, ephantse ukufa. Ke uThixo wamenzela inceba; akenzela yena yedwa, wenzela nam lo, ukuze ndingabi buhlungu, ndibuhlungu kade.

28. Kukhona ngoko ndimthuma ngokukhawuleza, ukuze nithi nakumbona nibuye nivuye, kuthi nokwam ukuba buhlungu kudambe.

29. Mamkeleni ke ngokwaseNkosini, ninovuyo lonke;

30. nibabeke abo banjalo; ngokuba, ngenxa yomsebenzi kaKristu, wada waphantsa ukufa, ebenza isichenge ubomi bakhe, ukuze enzelelele ukusilela kwenu ekundilungiseleleni.

funda isahluko epheleleyo Kwabasefilipi 2