Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabasefilipi 2:16-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. nibambelele elizwini lobomi; nibe liqhayiya lam, nide nise kwimini kaKristu, ukuba andifumananga ndabaleka, kanjako andifumananga ndabulaleka.

17. Ewe, nokuba ndiyathululwa ngokomnikelo phezu kombingelelo nombuso wokholo lwenu, ndiyavuya, ndivuyisana nani nonke.

18. Yithini ke ngokoko nani nivuye, nivuyisane nam.

19. Ke kaloku ndithembele eNkosini uYesu, ukuba ndonithumela uTimoti kamsinya, ukuze nam ndonwabe, ndakuzazi iindawo ezingani.

20. Kuba andinamntu wumbi, umphefumlo uvana nowam, owothi ayikhathalele ngokwenyaniso imicimbi engani.

21. Kuba bonke bafuna ezabo izinto, zingezizo ezikaYesu Kristu.

22. Ukucikideka ke kwakhe niyakwazi: ukuba wathi, njengomntwana kuyise, wakhonza kunye nam kuzo iindaba ezilungileyo.

23. Lowo ke ngoko ndithembé ukumthuma kwaoko, xa ndithe ndayiqonda imicimbi engam.

24. Ke ndikholose ngeNkosi, ukuba nam ngokwam ndoza kamsinya.

25. Kodwa ke ndibé kuyafuneka ukuba ndinithumele uEpafrodito, umzalwana wam osebenza nam, umphumi-mkhosi nam, umthunywa wenu ke, umlungiseleli wam kwiintswelo zam;

26. ekubeni ke ebenilangazelela nina nonke, edandatheka, ngenxa enokuba nevayo ukuba wayesifa.

funda isahluko epheleleyo Kwabasefilipi 2