Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabasefilipi 2:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ukuba ke ngoko kukho usizo kuKristu, ukuba kukho ukhuzo lothando, ukuba kukho ubudlelane boMoya, ukuba kukho imfesane neemfefe,

2. luzaliseni uvuyo lwam, ukuze nicinge ntonye, ninaluthando lunye, ninamphefumlo mnye, nicinga nto-nye;

3. ningenzi nanye into ngokweyelenqe, nangokozuko olulambathayo. Yithini ngokuthobeka kwentliziyo omnye ambalele omnye ekuthini nguyena wongamileyo kunaye.

4. Makangathi elowo axunele kwezakhe izinto zodwa, elowo makaxunele nakwezabanye.

5. Yibani nale ngcinga kuni, wayenayo kuye uKristu Yesu:

6. yena wàthi, esebumeni bukaThixo, akathi ukulingana kwakhe oku noThixo kulixhoba;

7. usuke wazihluba, wathabatha ubume bomkhonzi, enziwe wafana nabantu;

8. wathi ngemo efunyenwe enjengomntu, wazithoba, waba ngolulamileyo, wada wesa ekufeni, ukufa ke kwasemnqamlezweni.

9. Kungoko athe uThixo wamphakamisa kakhulu, wamnika igama elingaphezu kwawo onke amagama;

funda isahluko epheleleyo Kwabasefilipi 2