Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabase-Efese 6:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Nina bantwana, baveni abazali benu ngokwabaseNkosini; kuba oko kububulungisa.

2. Beka uyihlo nonyoko; wona lowo ngumthetho wokuqala onedinga;

3. ukuze kulunge kuwe, ube nexesha elide emhlabeni.

4. Nani boyise, musani ukubacaphukisa abantwana benu; bondleleni ekuqeqesheni nasekululekeni kweNkosi.

5. Nina bakhonzi, baveni abaziinkosi zenu ngokwenyama, ninokuzoyikela nokugubha, ningenakumbi ezintliziyweni zenu, ninge niva uKristu ngokwakhe.

6. Ukukhonza kwenu makungabi ngokweliso, ngathi nithomalalisa abantu; makube ngokwabakhonzi bakaKristu, nikwenza ukuthanda kukaThixo ngokwasemphefumlweni,

7. nikhonza ngentumekelelo, kukuyo iNkosi, kungekubo abantu;

8. nisazi nje ukuba into esukuba ilungile, athe ulowo wayenza, uya kwamkeliswa kwayona yiNkosi, nokuba ungumkhonzi nokuba ungokhululekileyo.

9. Nani baziinkosi zabo, yenzani kwaezo zinto kubo, nikuyeke ukusongela; nisazi nje ukuba kwaeyabo neyenu iNkosi isemazulwini, nokuba akukho kukhetha buso kuyo.

10. Elokugqiba, bazalwana bam, ndithi, Yomelelani eNkosini, nasekuqineni kokomelela kwayo.

11. Xhobani sonke isikrweqe sikaThixo, ukuze nibe nako ukumisa nibuchase ubuqhinga boMtyholi.

12. Ngokuba umzamo wethu asingowokuzamana negazi nenyama; ngowokuzamana nazo izilawuli, nawo amagunya, nazo iziphatha-hlabathi zobumnyama balo eli phakade, nayo imikhosi yomoya abakhohlakeleyo kwezasezulwini iindawo.

funda isahluko epheleleyo Kwabase-Efese 6