Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabase-Efese 5:17-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Ngenxa yoko musani ukuba ziintsweli-kuqonda; yibani ngabakuqondayo into okuyiyo ukuthanda kweNkosi.

18. Kanjalo musani ukunxila yiwayini, ekukhoyo kuloo nto ukuzibhubhisa; manizaliswe nguMoya;

19. níthetha omnye nomnye ngeendumiso, neengoma, nezango ezizezomoya, nivuma, nibetha uhadi entliziyweni yenu kuyo iNkosi,

20. nimana nibulela ngenxa yeento zonke, egameni leNkosi yethu uYesu Kristu, kuye uThixo uYise;

21. nilulamelana ngokoyika uThixo.

22. Nina bafazi, walulameleni awenu amadoda, ngokokululamela iNkosi;

23. ngokuba indoda le iyintloko yomfazi, njengokuba naye uKristu eyintloko yebandla eli; waye yena ngokwakhe enguMsindisi wawo umzimba.

24. Ke, kwanjengokuba ibandla eli limlulamela uKristu, mabathi ngokunjalo nabafazi bawalulamele awabo amadoda ezintweni zonke.

25. Nina madoda, bathandeni abafazi benu, njengokuba naye uKristu walithandayo ibandla, wazinikela ngenxa yalo;

26. ukuze alingcwalise, elihlambulule ngokuhlamba kwamanzi ngelizwi;

27. ukuze alimise phambi kwakhe linobuqaqawuli, lilibandla elingenabala, elingenamibimbi nanye into enjalo, ukuze libe ngcwele, lingabi nasiphako.

28. Ngoko amelwe amadoda ukubathanda abawo abafazi, njengokuba beyimizimba yawo. Lowo umthandayo umkakhe, uyazithanda;

29. kuba akukho namnye wakha wayithiya eyakhe inyama; usuka ayondle, ayigcine, njengokuba nayo iNkosi ilenjenjalo ibandla.

funda isahluko epheleleyo Kwabase-Efese 5