Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabase-Efese 5:15-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Khangelani ngoko, ukuba ningáthini na, ukuze kucokiseke ukuhamba kwenu; ningabi njengabaswele ubulumko, yibani njengezilumko;

16. nizongela ixesha eli, ngokuba le mihla ayindawo.

17. Ngenxa yoko musani ukuba ziintsweli-kuqonda; yibani ngabakuqondayo into okuyiyo ukuthanda kweNkosi.

18. Kanjalo musani ukunxila yiwayini, ekukhoyo kuloo nto ukuzibhubhisa; manizaliswe nguMoya;

19. níthetha omnye nomnye ngeendumiso, neengoma, nezango ezizezomoya, nivuma, nibetha uhadi entliziyweni yenu kuyo iNkosi,

20. nimana nibulela ngenxa yeento zonke, egameni leNkosi yethu uYesu Kristu, kuye uThixo uYise;

21. nilulamelana ngokoyika uThixo.

22. Nina bafazi, walulameleni awenu amadoda, ngokokululamela iNkosi;

23. ngokuba indoda le iyintloko yomfazi, njengokuba naye uKristu eyintloko yebandla eli; waye yena ngokwakhe enguMsindisi wawo umzimba.

24. Ke, kwanjengokuba ibandla eli limlulamela uKristu, mabathi ngokunjalo nabafazi bawalulamele awabo amadoda ezintweni zonke.

25. Nina madoda, bathandeni abafazi benu, njengokuba naye uKristu walithandayo ibandla, wazinikela ngenxa yalo;

26. ukuze alingcwalise, elihlambulule ngokuhlamba kwamanzi ngelizwi;

funda isahluko epheleleyo Kwabase-Efese 5