Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabase-Efese 5:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngoko yibani ngabaxelisa uThixo, ngokwabantwana abaziintánda;

2. nihambe eluthandweni, kwanjengokuba naye uKristu wasithandayo, wazinikela ngenxa yethu, ukuba abe ngumnikelo nedini kuye uThixo, ukuba abe livumba elimnandi.

3. Ke umbulo, nako konke ukungcola, nokubawa, makungakhe kukhankanywe phakathi kwenu, njengoko kubafaneleyo abangcwele;

4. kwanamanyala, nentetho yobuyatha, nobuhiba, izinto ezo ezingafanelekileyo. Makube kokukhona ninemibulelo.

5. Kuba oku nikwazi, ukuba wonke umenzi wombulo, nomntu ongcolileyo, nolibawa, engumkhonzi wezithixo, akanalifa ebukumkanini bukaKristu noThixo.

6. Makungabikho namnye unilukuhlayo ngamazwi alambathayo; kuba iza ngenxa yezo zinto ingqumbo kaThixo phezu kwabangevayo.

funda isahluko epheleleyo Kwabase-Efese 5