Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabase-Efese 4:6-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. uYise wabo bonke, ophezu kwabo bonke, okubo bonke, ophakathi kwenu nonke.

7. Ke elowo kuthi wababalwa ngokomlinganiso wokupha kukaKristu.

8. Kungoko athi,Enyuké waya enyangweni, wathimba intimbo,Wabapha izipho abantu.(INdum. 68:18)

9. Oko ke kùthi, wenyuka, kuyintoni na, kungekwakukuthi, wehla nokuhla kuqala, waya kwezona zisezantsi iindawo zomhlaba?

10. Owehlayo ikwangulowo wenyukayo, waya ngaphezu kwawo onke amazulu, ukuze azalise zonke izinto.

11. Waza kwayena wabapha abanye ukuba babe ngabapostile,* abanye babe ngabaprofeti, abanye babe ngabashumayeli beendaba ezilungileyo, abanye babe ngabalúsi nabafundisi,

12. ukuze abangcwele basulungekiselwe umsebenzi wolungiselelo, ukwakhiwa ke komzimba kaKristu;

funda isahluko epheleleyo Kwabase-Efese 4