Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabase-Efese 4:20-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Ke nina animfundanga ngokunjalo uKristu,

21. ukuba kambe ningaba nimvile, nafundiswa nikuye, njengoko inyaniso ikuye uYesu;

22. yokuba nithi ngakwihambo yangaphambili nimlahle umntu omdala, owonakaliswayo ngokokweenkanuko zokulukuhla;

23. nihlaziywe ke kuwo umoya wengqiqo yenu,

24. nimambathe umntu omtsha, othe ngokukaThixo wadalelwa ebulungiseni, nasebungcweleni benyaniso.

25. Kungoko ke ndithi, lahlani ubuxoki, thethani inyaniso elowo nommelwane wakhe; ngokuba singamalungu, omnye elelomnye.

26. Qumbani, ningoni; ilanga malingade litshone nicaphukile;

27. kananjalo musani ukumkhwelela indawo uMtyholi lo.

28. Lowo ubayo makangabi seba; kanye ke makabulaleke esebenza okulungileyo ngezandla zakhe, ukuze abe nako ukwabela osweleyo.

29. Makungaphumi nanye intetho ebolileyo emlonyeni wenu; mayibe yesukuba ilungele ukuxuma oko kuluncedo, ukuze ibabale abevayo.

30. Kanjalo musani ukumenza buhlungu uMoya oyiNgcwele kaThixo, enathi kuye natywinwa, naqiniselelwa imini yentlawulelo.

funda isahluko epheleleyo Kwabase-Efese 4