Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabase-Efese 3:9-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. ndíbakhanyìsele bonke, bayibone into obuyiyo ubudlelane bemfihlelo ebifihliwe kwasemaphakadeni, ikuye uThixo owazidalayo zonke izinto ngoYesu Kristu;

10. ukuze ngoku oozilawuli noomagunya, abakwezasemazulwini iindawo, babaziswe ngalo ibandla ubulumko bukaThixo, obuziintlobo ezininzi,

11. ngokokwengqibo yakhe yasemaphakadeni, awayenzayo kuKristu Yesu, iNkosi yethu;

12. esinako sikuye ukungafihlisi kwethu, nokungeniswa kuye sikholosile, ngokukholwa kuye.

13. Kungoko ndicelayo ukuba ningethi amandla ziimbandezelo zam, ezingenxa yenu, zona ezi ziluzuko lwenu.

14. Ngenxa yoko ndiyawagoba amadolo am kuye uYise weNkosi yethu uYesu Kristu,

15. ebizwe ngaye yonke imizalwane esemazulwini nesemhlabeni,

16. ukuba aninike, ngokobutyebi bozuko lwakhe, ukomelezwa ngamandla ngaye uMoya wakhe, ngokusingisele emntwini ongaphakathi;

17. ukuba uKristu ahlale ngalo ukholo ezintliziyweni zenu, néndele

18. nisekelwe eluthandweni, ukuze nithi, ndawonye nabo bonke abangcwele, nibe nako kanye ukubuqiqa into obuyiyo ububanzi, nobude, nobunzulu, nokuphakama kwalo,

funda isahluko epheleleyo Kwabase-Efese 3