Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabase-Efese 3:2-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. ukuba ke nikuvile ukugosisa kobabalo lukaThixo endanibabalelwa ngalo;

3. okokuba wandazisa imfihlelo leyo ngokotyhilelo, njengoko sendibhale kade ngokufutshane;

4. enothi ngoko, nakulesa, nibe nokuqiqa okwam ukuyiqonda imfihlelo kaKristu;

5. ababengathanga kuzimbi izizukulwana bayaziswe oonyana babantu, njengoko bayityhilelweyo ngoku abapostile* bakhe abangcwele, nabaprofeti bakhe, ngaye uMoya;

6. eyokuba iintlanga ziziindlalifa nathi, zikwamzimba mnye nathi, zingamahlulelana nathi ngedinga lakhe, síkuye nje uKristu ngazo iindaba ezilungileyo,

7. endaba ngumlungiseleli wazo ngokwesipho sobabalo lukaThixo, endababalwa ngaso ngokokusebenza kwamandla akhe.

funda isahluko epheleleyo Kwabase-Efese 3