Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabase-Efese 3:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngenxa yoko, mna Pawulos, mbanjwa kaKristu Yesu ngenxa yenu zintlanga —

2. ukuba ke nikuvile ukugosisa kobabalo lukaThixo endanibabalelwa ngalo;

3. okokuba wandazisa imfihlelo leyo ngokotyhilelo, njengoko sendibhale kade ngokufutshane;

4. enothi ngoko, nakulesa, nibe nokuqiqa okwam ukuyiqonda imfihlelo kaKristu;

5. ababengathanga kuzimbi izizukulwana bayaziswe oonyana babantu, njengoko bayityhilelweyo ngoku abapostile* bakhe abangcwele, nabaprofeti bakhe, ngaye uMoya;

6. eyokuba iintlanga ziziindlalifa nathi, zikwamzimba mnye nathi, zingamahlulelana nathi ngedinga lakhe, síkuye nje uKristu ngazo iindaba ezilungileyo,

7. endaba ngumlungiseleli wazo ngokwesipho sobabalo lukaThixo, endababalwa ngaso ngokokusebenza kwamandla akhe.

8. Mna lo, unguyena mncinanana kubo bonke abangcwele, ndababalwa ngolo lubabalo, lokuba ndishumayele phakathi kweentlanga iindaba ezilungileyo zobutyebi obungalandekiyo bukaKristu;

funda isahluko epheleleyo Kwabase-Efese 3