Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabase-Efese 2:3-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. esasifudula nathi sonke sihleli phakathi kwabo ezinkanukweni zenyama yethu, sisenza ukuthanda kwenyama nokwengcinga, saye ngemvelo sikwangabantwana bengqumbo, njengabanye abo.

4. Ke uThixo, esisityebi nje ngenceba, uthe ngenxa yothando lwakhe olukhulu,

5. awasithanda ngalo, thina sifile nje ziziphoso, wasidlisa ubomi ndawonye noKristu (nisindiswé ngokubabalwa),

6. wasivusa naye, wasihlalisa naye kwezasemazulwini iindawo, sikuKristu Yesu;

7. ukuze ubutyebi obuncamisileyo bobabalo lwakhe abubonakalalise emaphakadeni azayo, ngokusenzela ububele ngoKristu Yesu.

8. Kuba nisindiswe ngokubabalwa nangalo ukholo; nako oko kungaphumi kuni, kusisipho sikaThixo;

9. akuphumi misebenzini, hleze kubekho bani uqhayisayo.

10. Kuba thina singumsebenzi wakhe, sídalelwe kuKristu Yesu, ukuze senze imisebenzi elungileyo, awayilungisayo uThixo ngenxa engaphambili, ukuze sihambe kuyo.

11. Ngoko ndithi, Khumbulani ukuba nina, enibe nifudule niziintlanga ngokwenyama, kusithiwa ningabangàlukileyo, ngabo kuthiwa ngabolwaluko olwenziwe ngezandla enyameni:

12. okokuba ngelo xesha nibe ningenaKristu, ningazani nawo umzi wakwaSirayeli, ningabasemzini kuyo iminqophiso yalo idinga, ningenathemba, ningenaThixo ehlabathini.

13. Ke ngoku ngoKristu Yesu, nina, enibe nifudula nikude, nithe naba kufuphi ngalo igazi likaKristu.

funda isahluko epheleleyo Kwabase-Efese 2