Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabase-Efese 2:14-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Kuba nguye oluxolo lwethu, yena uthe izinto zombini wazenza zaba nye, waluchitha ke udonga lothango oluphakathi, ubumpi ke obo,

15. akuba ewubhangisile, esenyameni yakhe, umyalelo wemithetho esemimiselweni; ukuze abo babini ábadalele kuye ngokwakhe, babe mntu mnye, mtsha, esenza ke uxolo;

16. nokuze abaxolelanise noThixo abo babini, babe mzimba mnye ngawo umnqamlezo, ebubulalele kuwo ubumpi obo.

17. Weza ke washumayela iindaba ezilungileyo zoxolo kuni abo bakude, nakwabakufuphi;

18. ngokuba kungaye ukungeniswa kwethu sobabini, siMoya mnye kuye uYise.

19. Ngoko ke anisengabasemzini nabaphambukeli; ningamakhaya kubo abangcwele, ningabendlu kaThixo,

20. nakhelwe phezu kwelitye lesiseko sabapostile* nabaprofeti, inguYesu Kristu ngokwakhe ilitye lembombo;

21. esíthi kuye sonke isakhiwo, síhlangene kakùhle, sikhùle, sibe yitempile engcwele eNkosini;

22. enithi nani nakhèlwe ndawonye kuye, ukuze nibe yindawo yokuhlala kaThixo ngaye uMoya.

funda isahluko epheleleyo Kwabase-Efese 2