1. Nani unidlise ubomi, nifile nje ziziphoso nazizono;
2. enanifudula nihamba kuzo ngokwesimo seli hlabathi, ngokomphathi wegunya lesibhakabhaka, womoya lo usebenzayo ngoku kubo abangevayo;
3. esasifudula nathi sonke sihleli phakathi kwabo ezinkanukweni zenyama yethu, sisenza ukuthanda kwenyama nokwengcinga, saye ngemvelo sikwangabantwana bengqumbo, njengabanye abo.