Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabase-Efese 1:9-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. esazisile imfihlelo yokuthanda kwakhe ngokwenkolelo yakhe, awayimisayo ngokwakhe,

10. ebhekise ekuhleleni aya kuhlela ngako, akuzaliseka amaxesha, ukuba azihlanganisele zonke izinto kuye uKristu, ezisemazulwini kwanezisemhlabeni;

11. ewe, kuye lo sithe sikuye sadla ilifa; simisiwe ngenxa engaphambili ngokwengqibo yozisebenzayo zonke ezo nto ngokwecebo lokuthanda kwakhe;

12. ukuze sibe ngabokudumisa uzuko lwakhe, thina aba sathi ngenxa engaphambili sathembela kuye uKristu;

13. enithe, nikuye nani, nakuliva ilizwi lenyaniso, iindaba ezi zilungileyo zokusindiswa kwenu — enithe, nakùkholwa nokukholwa kuye, natywinwa naqiniselwa ngaye uMoya oyiNgcwele wedinga, osisinyaniso selifa lethu,

14. ukude kugqibelele ukukhululeka ngentlawulelo kwabo baziinqobo kuye, ukuba kudunyiswe uzuko lwakhe.

15. Ngenxa yoko nam, ndakuba ndikuvile okwenu ukukholwa yiNkosi uYesu, nokubathanda kwenu bonke abangcwele, àndiphezi ukubulela ngenxa yenu,

16. ndinikhumbula emithandazweni yam,

17. ukuba uThixo weNkosi yethu uYesu Kristu, uYise wozuko, aninike umoya wobulumko wokunityhilela, nimazi kakuhle;

18. nikhanyiselwe amehlo engqondo, ukuze nilazi into eliyiyo ithemba lobizo lwakhe, nento obuyiyo ubutyebi bobuqaqawuli belifa lakhe phakathi kwabo abangcwele;

19. nento obuyiyo ubukhulu obuncamisileyo bamandla akhe abhekisele kuthi, thina bakholwayo, angokokusebenza kokuqinisela kokomelela kwakhe,

20. awakusebenza kuye uKristu, ekumvuseni kwakhe kwabafileyo; waza wamhlalisa ngasekunene kwakhe kwezasemazulwini iindawo,

21. ngaphezu kwalo lonke ulawulo, negunya, namandla, nobukhosi, nalo lonke igama elikhankanywayo, kungekhona kweli phakade lodwa, kunakwelo lizayo.

funda isahluko epheleleyo Kwabase-Efese 1